IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 2 Sifunda Sibhala Izandi Incwadi 1 Kwezi-4 Cover

IsiXhosa Ngumdiliya Ibanga 2 Sifunda Sibhala Izandi Incwadi 1 Kwezi-4



Author : N. Tiso, N. Bokoloshe
Hardcopy ISBN : 9780796043214
Stock : 1260 units
Ebook ISBN : 9780796054791

Sifunda sibhala izandi lincwadi zoluhlu luka-lsiXhosa Ngumdiliya - Sifunda Sibhala lzandi lbanga loku-1 ukuya kwelesi-3 zilungiselelwe ukuze abafundi bala mabanga bafunde banzi ngezandi, bekwafunda nokuzibhala ngaxeshanye. Ezi ncwadi zibhalwe ukuze zibe ziincwadana ezi-ne kwibanga ngalinye, incwadi 1, incwadi 2, incwadi 3 nencwadi 4. Kwibanga ngalinye ezi ncwadi zilungiselelwe ukuze ziye zisenyuka kumgangatho wokufundwa nokubhalwa kwezandi. Oku kwenzelwe ukuze kube lula kutitshala ukuhlela abafundi beklasi yakhe ngokomgangatho wabo wokukwazi ukufunda izandi nokuzibhala, ukuze abanike ezo ncwadi zibalungeleyo ngokwelo xesha. Kwakhona ezi ncwadi zilungiswe zaza zahlelwa ukuze zifumaneke ngolu hlobo: • lncwadi nganye inemisetyenzana yokuqeqesha umfundi ukuba akwazi ukuzifunda nokuzibhala izandi: Oku kufundwa kwezi zandi kuhamba nemifanekiso elungiselelwe ukuba kungene lula oko kufundwayo, njengoko kucaciswe nangakumbi ngemifanekiso ehamba nako. • lncwadi katitshala ihlelwe yalungiselelwa ukuze ixhobise utitshala ukuba akwazi ukuzisebenzisa kakuhle ezi ncwadi, imcebisa okuninzi okumalunga nokufundiswa nokubhalwa kakuhle kwezandi. Le nto imnceda ekubeni azifundise ngokuzithemba okukhulu ezi zifundo zokufunda nokubhala izandi kwiklasi yakhe.

Purchase Options


Ebook File Size : 3.23