Due to stock take, delivery of physical items may be delayed. We appreciate your patience!
Author | : N Tiso, N Bokoloshe |
Hardcopy ISBN | : 9780796043207 |
Stock | : 951 units |
Ebook ISBN | : 9780796054760 |
Slfunda slbhala lzandl lincwadi zoluhlu luka-lsiXhosa Ngumdiliya - Sifunda Sibhala lzandl lbanga loku-1 ukuya kwelesl-3 zilungiselelwe ukuze abafundi bala mabanga bafunde banzi ngezandi, bekwafunda nokuzibhala ngaxeshanye. Ezi ncwadi zibhalwe ukuze zibe ziincwadana ezi-ne kwibanga ngalinye, incwadi 1, incwadi 2, incwadi 3 nencwadi 4. Kwibanga ngalinye ezi ncwadi zilungiselelwe ukuze ziye zisenyuka kumgangatho wokufundwa nokubhalwa kwezandi. Oku kwenzelwe ukuze kube lula kutitshala ukuhlela abafundi beklasi yak he ngokomgangatho wabo wokukwazi ukufunda izandi nokuzibhala, ukuze abanike ezo ncwadi zibalungeleyo ngokwelo xesha. Kwakhona ezi ncwadi zilungiswe zaza zahlelwa ukuze zifumaneke ngolu hlobo: lncwadi nganye inemisetyenzana yokuqeqesha umfundi ukuba akwazi ukuzifunda nokuzibhala izandi: Oku kufundwa kwezi zandi kuhamba nemifanekiso elungiselelwe ukuba kungene lula oko kufundwayo, njengoko kucaciswe nangakumbi ngemifanekiso ehamba nako. lncwadl katltshala ihlelwe yalungiselelwa ukuze ixhobise utitshala ukuba akwazi ukuzisebenzisa kakuhle ezi ncwadi, imcebisa okuninzi okumalunga nokufundiswa nokubhalwa kakuhle kwezandi. Le nto imnceda ekubeni azifundise ngokuzithemba okukhulu ezi zifundo zokufunda nokubhala izandi kwiklasi yakhe.